Ukhenketho olushicilelweyo lwesitishi esingentla: encotsheni yentaba
About the Tour
Bona umphezulu weTable Mountain nge ndlela engumangaliso kwi nge sandi kulo mhlaba siphila kuwo. Uzodibana neqela elisemva kwe Cableway, nabelane ngemfihlo zale ntaba niphinde nive ukuba kutheni abahlali base Kapa benobuhlobo obunje nale ntaba edumileyo.
Tour Producer
Table Mountain Aerial Cableway
Preview Location
Location 7
Umbono wesithathu: Van Hunks
Kunodiza dala wexhego onamava weentsuku zantlandlolo zeKapa, nokwabizwa ngokuba yingubo yokwambathisa intaba yeTafile ngelifu. Umlinganiswa wayo ophambili nguVan Hunks, inkonde endala neyalupheleyo elaling... Read More
How VoiceMap Works
Major Landmarks
-
Table Mountain Aerial Cableway
-
Table Mountain National Park
-
Platteklip Gorge
-
Twelve Apostles
Getting There
Route Overview
-
Total distance2km -
Final locationTable Mountain (Nature Reserve), Cape Town, South Africa -
Distance back to start location68.88m
Directions to Starting Point
Olukhenketho luqala ngaphandle kwi stishi iUpper Cableway, ngaphezulu kwe ntaba. Phambili kokuba uqale ukhenketho uyacelwa ukuba uthenge itikiti igqibe ukhwele inqwelo le inyusa abantu ibase ngaphezulu, phambili kokuba uqale ukhenketho. Xa ngabe ufuna ukuva amabali athetha ngale ntaba ngoku usalindele ukuthenga amatikitikwistishi esingasezantsi, uyacelwa ukuba ukhuphele I”Amazwi okhenketho arekhodiweyo esitishi senqwelo yentambo engezantsi: azakusihlaziya ngoxa sifolile”.
Xa ngabe ufuna ukubona ngendlela ekhawulezileyo, uyakhuthazwa ukuba amatikiti wakho uwathenge kwi intanethi phambili kokuba ufike. (uyacelwa ukuba ukhumbule ukuba uzonyanzeleka ulinde kwi Cableway nge mini ekugcwele ngazo)
Xa uziqhubela- isitishi se Cableway le ise zantsi siku Tafelberg Road, lo was Kloof Nek Road kwinto engange mizuzu eyi15 xa usuka edolophini, phambili kokuba ujike kwicala lesandla sasekhohlo. Xa ungena kumgaqo weTafekberg Road khangela ibodi eno phawu kwicala lesandla sasekunene, izokuxelela ukuba kuvuliwe okanye kuvaliwe.
Ujonge ibodi ezokubonisa imiyalelo xa ungena edolophinikwi ndawo ezinkulu.
Xa uhamba nge zithuthi zikawonke wonke- uyakwazi ukufikelela kwi Cableway na xa uhamba nge zithuthi zikawonke wonke, ibhasi uMyCiti ima ngaphandle kwe Cablewayle ise zantsi. Le bhasi ka MyCiti isuka eV&A Waterfront, iya eCamps Bay (route number 106 and 107, Waterfront Silo/Civic Centre/Camps Bay) ima phezulu kwe Kloof Nek Road. Xa ufika apho yehla, ugqibe ukhwele iteksi yeMyCiti engabatalelwayo ibizwa ngokuba ngu(Route 110). Isuka apho ku Kloof Nek Road, inyuke nge Tafelberg Road ide iyongena kwisitishi se Cableway le isezantsi. Ungama apha ke usuka eCamps Bay. Le teksi ingabatalwayo iqala xa kuvulwa iyophela ngo 7 wasebusuku yonke imihla.
Ibhasi isuka eCivic Centre eHertzog Boulevard. Le bus ima kwi ndawo ezibalekayo.
Wonke umntu okhwele le bhasi kuyanyanzeleka ukuba abene kadi lika MyCiti libizwa Myconnect. Eli kadi ku funeka ulifake imali, ngaphandle kwabantwana abanga phantsi kwe minyaka eyi4 kwaye babe ngaphantsi kwe mitha ngobude. Umntu akavumelekanga ukuba abatale nge mali ebhasini, ayithathwa.
Tips
Places to stop along the way
TABLE MOUNTAIN CAFÉ
ITable Mountain Café ine ndidi nge ndidi zokutya. Umntu angazinceda aziphakele ukutya okukhoyo. Kukhona nokutya okulungele abantwana kwaye nezibiliboco zikhona nge ndidi nge ndidi.
SHOP AT THE TOP
Le venkile iphezulu, yeyona venkile esetyenziswayo. Ifumaneka kwi sakhiwo samatye ecaleni kwe Table Mountain Café. U90% nangaphezulu wezinto ezithengiswa apha zithengwe kwa kukutshane apha eMzantsi Africa.
LITTLE SHOP AT THE TOP
Kukhona ne venkile encinci efumaneka phezulu kwi cala elingase khohle. Xa uphuma kwi cable car kwi sitishi sangaphezulu.
EXIT SHOP
Xa ngaba ufuna ukuthenga ngokukhawuleza nje izinto olibele ukuzithenga, kukhona iExit Shop efumaneka kwi sitishi se cable ezi zise zantsi xa uphuma kwi cable car.
VISITOR CENTRE
iVisitors Centre ifumaneka kwi sitishi esingasezantsi, ecaleni kwe Lower Station Kiosk. Apha umntu unikwa ulwazi ngale ntaba kwaye kuthengiswa nange mpahla.
Best time of day
Ehlotyeni: ngo 8:30 wakusasa- 7 xa kutshona ilanga
Ebusika: ngo 8:00 wakusasa- :6 xa kutshona ilanga
Qiniseka ukuba uyajonga ukuba kuvuliwe phambili kokuba ufike. Uyacetyiswa uku uze nge mini apho imozulu ingembanga. Xa imozulu imbi okanye kukhona umoya, iCablecar ayikwazi ukuhamba kuba lonto inga ngu nobangela wengozi. Ungayijonga imozulu apha ku www.tablemountain.net
Precautions
Ngee mini ezintle, ngakumbi nge xesha lonyaka apho kugcwala khona, kuyanyanzeleka ukuba umntu alinde ithutyana.
Get The App